99.The Earthquake

  1. Xa umhlaba uNyikima ngokunyikima kwawo
  2. Uze utyekezele ngaphandle wonke umthwalo wawo (obungaphakathi kuwo)
  3. Abantu baya kuthi: “kwenzeka ntoni na ngawo?”
  4. Ngaloo Mini uya kuchaza iindaba zawo
  5. Kuba iNkosi yakho Iya kuwutyhilela (okwenzekayo phezu kwawo)
  6. Ngaloo Mini abantu baya kuza bengamaqela athe saa, beze kuboniswa izenzo zabo
  7. Nabani na lowo uthe wenza isenzo esilungileyo esingangentlantsi, uya kusibona
  8. Nalowo uthe wenza isenzo esingcolileyo esingangentlantsi, uya kusibona