96.The Clot

  1. Funda! Egameni leNkosi yakho Eyadalayo
  2. Yadala umntu ngehlwili legazi
  3. Funda iNkosi yakho Inesisa
  4. Yona Yafundisa ukubhala ngosiba
  5. Yamfundisa umntu oko abengakwazi
  6. Kodwa inene umntu uyagabadela
  7. Kuba uzicingela ukuba akaxhomekekanga ntweni
  8. Inene eNkosini yakho kulapho kuza kubuyelwa khona
  9. Umbonile na lowo uthintela
  10. Umkhonzi xa ethandaza
  11. Ingaba umbona ekuso isiKhokelo kusini na
  12. Okanye uyalela (abantu) ukuba bahlonele (uAllâh)
  13. Umbonile na ukuba uphika inkolo, afulathele
  14. Akazi na ukuba uAllâh Uyambona
  15. Nakanye ukuba akayeki siya kumrhuqa ngenwele zebunzi lakhe
  16. (Ezo) nwele zebunzi lexoki
  17. Makabize koogxabakhe (bamncede) ke
  18. Thina Siya kubiza abagcini siHogo. (Baqubisane naye)
  19. Nakanye! Ungamthobeli lowo, wena, qubuda, uzisondeze (kuAllâh)