94.The Consolation

  1. Asikuvulelanga1 isifuba sakho na (Muhammad)
  2. Sakothulela umthwalo wakho
  3. Obukusinda umqolo
  4. Saza Saphakamisa ibakala lakho
  5. Inene kubo bonke ubunzima kukho ukukhululeka
  6. Kanti, inene kubo bonke ubunzima kukho ukukhululeka
  7. Ngoko ke wakugqiba (imisebenzi yakho yosuku) zinikele kunqulo luka-Allâh
  8. Yaye beka iingcinga zakho zonke eNkosini yakho