102.Competition

  1. Ukukhuphisana ngokuwanqa ubutyebi kuyaniphambukisa (ekukhonzeni uAllâh)
  2. Nide niye kubekwa emangcwabeni
  3. Yeha! Kungekudala niza kwazi
  4. Kwakhona yeha! Kungekudala niza kwazi
  5. Yeha! Ukuba benisazi ngolwazi oluqinisekileyo (iziphumo zokuzilibazisa ngokuqokelela ubutyebi beniya kurhoxa kuloo nto, nizixakekise ngokukhonza uAllâh)
  6. Inene niza kuwubona uMlilo odwanguzayo (wesiHogo)
  7. Kwakhona, niya kuwubona ngamehlo okwenyani
  8. Kananjalo ngaloo Mini niza kubuzwa ngobumnandi (enabuxhamlayo)