101.The Calamity

  1. (IYure) yesiThonga
  2. Yintoni na (iYure) yesiThonga
  3. Kananjalo yintoni na enokukuchazela okokuba iyintoni na iYure yesiThonga
  4. YiMini apho abantu baya kuthi saa njengamabhabhathane
  5. Iintaba zibe njengoboya obucazululweyo
  6. Lowo uzenzo zakhe ziya kufunyaniswa zinobunzima esikalini
  7. Uya kuba sebomini obumnandi (ePaladesi)
  8. Ke lowo uzenzo zakhe ziya kufunyaniswa zilula esikalini
  9. Ikhaya lakhe liya kuba senzonzobileni (esiHogweni)
  10. Yintoni na enokukuchazela okokuba iyintoni na inzonzobila
  11. NguMlilo odwanguzayo