100.The Chargers

  1. Ndifunga ngamahashe agabadula, akhefuzele
  2. Atakise iintlantsi zomlilo (ngamanqina awo)
  3. Ephumelelisa uhlaselo lwawo kwasekuseni
  4. Aqhumise uthuli luye kutsho emafini kusenjalo
  5. Agqobhoze, aye phambili angene esazulwini (sotshaba)
  6. Inene umntu (ongakholwayo) akanambulelo eNkosini yakhe (uAllâh)
  7. Yaye inene ulingqina lako oko (ngezenzo zakhe)
  8. Kwaye inene unobutyhuthu-tyhuthu ekuthandeni kwakhe ubutyebi
  9. Akazi na okokuba xa okusemangcwabeni kuvunjululwe kwesaa ngaphandle
  10. Kuze noko kusezifubeni (zabantu) kwenziwe kwaziwe
  11. Inene iNkosi yakho ngaloo Mini Iya kuba Isazi konke ngabo